Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 40:20-31 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

20. Okhohliweyo ngumrhumo ukhetha umthi ongenakubola; uzifunela ingcibi eyaziyo, ukuba imlungisele umfanekiso oqingqiweyo ongayi kushukuma.

21. Anazi na? aniva na? anixelelwanga na kwasentloko? aniqondanga na kwasekusekweni kwehlabathi?

22. Ngulo uhlala phezu kwesazinge sehlabathi, abemi balo ke benjengemicikwane; ulowaneka izulu njengeqhiya eliyasuyasu, walitwabulula njengentente yokuhlala;

23. ulozenza izidwangube ukuba zingabi nto, abagwebi behlabathi abenze babe luchuku.

24. Bengekathi ukutyalwa, bengekathi ukuhlwayelwa, singekathi ukwendelisela iingcambu emhlabeni isiphunzi sabo, úselebafuthela bome, úbathabathe umoya ovuthuzayo njengomququ.

25. Niya kundifanisa nabani na, ndilingane naye? utsho oyiNgcwele.

26. Phakamiselani amehlo enu phezulu, nibone: ngubani na owadala ezi zinto? Ngulokhupha umkhosi wazo ngamaqela, uzibiza zonke ziphela ngamagama, ngenxa yobukhulu bokomelela, ekhaliphile ngamandla; akusali nanye.

27. Yini na ukuba uthi, Yakobi — uthethe uthi, Sirayeli — Indlela yam isithele kuYehova, nebango lam lidlule kuThixo wam?

28. Akwazi na? akuvanga na, ukuba uThixo ongunaphakade nguYehova, uMdali weziphelo zehlabathi? Akatyhafi, akadinwa; ayinakugocwagocwa ingqondo yakhe.

29. Umnika otyhafileyo amandla, ongenakomelela amandisele ukuqina.

30. Namadodana angátyhafa adinwe, nabafana bakhubeke bawe;

31. ke bona abathembele kuYehova baya kuhlaziyeka emandleni; banyuke ngamaphiko njengeenkozi. Baya kugidima bangadinwa, bahambe bangatyhafi.

funda isahluko epheleleyo Uisaya 40