Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 40:16-23 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

16. ILebhanon ayilingene kubaswa, neenyamakazi zayo azilingene kuba lidini elinyukayo.

17. Zonke iintlanga zinjengento engento phambi kwakhe; kuye zibalelwa ekuthini asizanto, ziluchuku.

18. Ningamfanekisa ke nabani na uThixo, ninxulumise mfanekiselo mni na naye?

19. Umfanekiso oqingqiweyo utyhidwa yingcibi, awaleke ngegolide umnyibilikisi, awunyibilikisele imixokelelwane yesilivere.

20. Okhohliweyo ngumrhumo ukhetha umthi ongenakubola; uzifunela ingcibi eyaziyo, ukuba imlungisele umfanekiso oqingqiweyo ongayi kushukuma.

21. Anazi na? aniva na? anixelelwanga na kwasentloko? aniqondanga na kwasekusekweni kwehlabathi?

22. Ngulo uhlala phezu kwesazinge sehlabathi, abemi balo ke benjengemicikwane; ulowaneka izulu njengeqhiya eliyasuyasu, walitwabulula njengentente yokuhlala;

23. ulozenza izidwangube ukuba zingabi nto, abagwebi behlabathi abenze babe luchuku.

funda isahluko epheleleyo Uisaya 40