Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 40:10-20 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

10. Uyabona, iNkosi uYehova iya kuza, ingowomeleleyo, ingalo yayo iyilawulela. Uyabona, umvuzo wayo inawo, nomsebenzi wayo uphambi kwayo.

11. Iya kuwalúsa umhlambi wayo njengomalusi; iya kuwabutha ngeengalo zayo amatakane, iwathwale ngesifuba sayo, izithundeze ezanyisayo.

12. Ngubani na olinganise amanzi la entendeni yesandla sakhe, walilungisa izulu ngomoluko weminwe, walukhongozela uthuli lomhlaba ngomlinganiselo, wazilinganisa iintaba ngesilinganiso, neenduli ngesikali?*

13. Ngubani na owalungisa uMoya kaYehova, waba yindoda emcebisayo, wamazisa?

14. Wácebisana nabani na owamqondisayo, wamfundisa umendo wesiko, wamfundisa ukwazi, wamazisa indlela yokuqonda?

15. Yabona, iintlanga zibalelwa ekubeni zinjengethontsi emphandeni, njengesuntswana esikalini. Yabonna, iziqithi zinjengothuli oluqhaphukayo.

16. ILebhanon ayilingene kubaswa, neenyamakazi zayo azilingene kuba lidini elinyukayo.

17. Zonke iintlanga zinjengento engento phambi kwakhe; kuye zibalelwa ekuthini asizanto, ziluchuku.

18. Ningamfanekisa ke nabani na uThixo, ninxulumise mfanekiselo mni na naye?

19. Umfanekiso oqingqiweyo utyhidwa yingcibi, awaleke ngegolide umnyibilikisi, awunyibilikisele imixokelelwane yesilivere.

20. Okhohliweyo ngumrhumo ukhetha umthi ongenakubola; uzifunela ingcibi eyaziyo, ukuba imlungisele umfanekiso oqingqiweyo ongayi kushukuma.

funda isahluko epheleleyo Uisaya 40