Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 40:1-7 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Thuthuzelani, bathuthuzeleni abantu bam, utsho uThixo wenu.

2. Thethani kakuhle neYerusalem, nimemeze kuyo, nithi kuzalisekile ukuphuma kwayo umkhosi; nithi, buhlawulelwe ubugwenxa bayo; nithi, yamkeliswe esandleni sikaYehova okuphindwe kabini kwizono zayo zonke.

3. Yivani omemezayo, esithi, Yigeceni entlango indlela kaYehova; tyenenezelani uThixo wethu umendo enkqantosini.

4. Yonke imifula mayinyuswe, zonke iintaba neenduli zigungxulwe; iindawo ezimagqagala zibe zithabazi, nemixawuka ibe ziintili;

5. butyhileke ubuqaqawuli bukaYehova, ibubone inyama yonke kunye; ngokuba uthethile umlomo kaYehova.

6. Ilizwi lothile lathi, Memeza. Wathi yena, Ndimemeze ntoni na? Yithi, Yonke inyama ibutyani, bonke ubuhle bayo bunjengentyantyambo yasendle.

7. Buyoma utyani, iyabuna intyantyambo; ngokuba umoya kaYehova uvuthuza kuyo; inene, abantu babutyani.

funda isahluko epheleleyo Uisaya 40