Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 39:5-8 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

5. Wathi uIsaya kuHezekiya, Live ke ilizwi likaYehova wemikhosi.

6. Uyabona, kuza imihla, eya kuthi yonke into esendlwini yakho, nento abayiqwebáyo ooyihlo, kwada kwayile mini, ithwalelwe eBhabheli, kungasali nto; utsho uYehova.

7. Baya kuthabatha nakoonyana bakho abaya kuphuma kuwe, oya kubazala, babe ngababusi ebhotweni lokumkani waseBhabheli.

8. Wathi uHezekiya kuIsaya, Lilungile ilizwi likaYehova, olithethileyo. Wathi, Inene, kuya kubakho uxolo nozingiso ngeyam imihla.

funda isahluko epheleleyo Uisaya 39