1. Ngelo xesha uMerodaki-bhaladan, unyana kaBhaladan, ukumkani waseBhabheli, wathumela incwadi nomnikelo kuHezekiya; kuba wayevile ukuba ubesifa, wabuya wachacha.
2. Wavuya uHezekiya ngabo, wababonisa indlu yakhe yezinto aziqwebileyo: isilivere, negolide, nobulawu, neoli entle, nendlu yonke yezixhobo zakhe, nento yonke ebikho ebuncwaneni bakhe. Akwabakho nto endlwini yakhe nasekulawuleni kwakhe konke, angababonisanga yona uHezekiya.
3. Waya uIsaya umprofeti kukumkani uHezekiya, wathi kuye, Atheni na la madoda? avele ngaphi na ukuza kuwe? Wathi uHezekiya, Avele ezweni elikude eBhabheli, esiza kum.