Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 38:13-22 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

13. Ndazizolisa kwada kwasa; njengengonyama, wénjenjalo ukuwaphula onke amathambo am.Ùya kundigqibela ngosuku olunye.

14. Njengehlankomo, njengendwe, ndenjenjalo ukukrikriza,Ndalila njengevukuthu; aphela amehlo am kukubheka phezulu:Yehova, ndifingekile, ndímele.

15. Ndothini na ukubulela, ethethile nje kum, wénza nokwenza?Mandicothoze yonke iminyaka yam eya kuza phezu kobukrakra bomphefumlo wam.

16. Nkosi yam, babuya baphile zezo zinto abantu,Bukuzo kanye ubomi bomoya wam:Wòndiphilisa ke, ndídlise ubomi.

17. Yabona, baba lusindiso kum ubukrakra obukhulu.Wena ke ngokundithanda, wawurhola umphefumlo wam esihogweni sokonakala;Ngokuba izono zam uzilahlile emva komhlana wakho.

18. Kuba elabafileyo alinakukuncoma, ukufa akunakukudumisa;Abahla baye emhadini àbakulindele ukunyanisa kwakho.

19. Ophilileyo, ophilileyo nguye owokuncoma, njengam nje namhla.Uyise uya kukwazisa ukunyanisa kwakho koonyana.

20. UYehova uza kundisindisa;Ngoko ke sozibetha iihadi zethuYonke imihla yobomi bethu, endlwini kaYehova.

21. Wathi uIsaya, mabathabathe isicumba samakhiwane, basibeke ethumbeni, ukuze aphile.

22. Wathi uHezekiya, Uyintoni na umqondiso wokuba ndiya kunyuka ndiye endlwini kaYehova?

funda isahluko epheleleyo Uisaya 38