1. Ngaloo mihla wayesifa UHezekiya, eza kufa. Waya umprofeti kuye, uIsaya unyana ka-Amotsi; wathi kuye, Utsho uYehova ukuthi, Yolela indlu yakho, ngokuba uya kufa wena, akuyi kuphila.
2. UHezekiya wabubhekisa eludongeni ubuso bakhe, wathandaza kuYehova, wathi,
3. Khawukhumbule, ndiyakukhunga, Yehova, okokuba ndihambé phambi kwakho ngokunyaniseka nangentliziyo ephelelisileyo, ndakwenza okulungileyo emehlweni akho. Watsho uHezekiya isililo esikhulu.
4. Kwafika ilizwi likaYehova kuIsaya, lisithi,
5. Yiya uthi kuHezekiya, Utsho uYehova, uThixo kaDavide uyihlo, ukuthi, Ndiwuvile umthandazo wakho, ndizibonile iinyembezi zakho. Uyabona, ndiya kongezelela kwimihla yakho ishumi elinesihlanu leminyaka.