Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 37:7-16 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

7. Yabona, ndimfaka umoya, ukuba eve udaba olubi, abuye ke aye ezweni lakhe, ndimwise ngekrele ezweni lakhe.

8. Wabuya ke uRabheshake, wamfumana ukumkani waseAsiriya esilwa neLibhena; ngokuba ebevile ukuba undulukile eLakishe.

9. Weva kusithiwa ngoTiraka ukumkani wakwaKushi, Uphumile esiza kulwa nawe. Weva ke, wathumela abathunywa kuHezekiya esithi,

10. Notsho kuHezekiya ukumkani wakwaYuda ukuthi, Makangakulukuhli uThixo wakho, okholose ngaye wena, usithi, Ayisayi kunikelwa iYerusalem esandleni sokumkani waseAsiriya.

11. Uyabona, ukuvile wena abakwenzileyo ookumkani baseAsiriya kumazwe onke, ukuba bawaphanzisa; ùya kuhlangulwa na ke wena?

12. Oothixo beentlanga ke bazihlangula na ezo, bazitshabalalisáyo oobawo, iGozan, neHaran, neRetsefe, noonyana bakaEden ababeseTelasare?

13. Úphi na ukumkani weHamati, nokumkani weArpadi, nokumkani womzi waseSefarvayim, neHena, neIva?

14. Wawathabatha uHezekiya amaphepha encwadi esandleni sabathunywa, wawafunda; wenyuka waya endlwini kaYehova, wayaneka uHezekiya phambi koYehova.

15. Wathandaza uHezekiya kuYehova esithi,

16. Yehova wemikhosi, Thixo wakwaSirayeli, wena uhleli phakathi kweekerubhi,* unguye uThixo wena wedwa kwizikumkani zonke zehlabathi; wena ulenzile izulu nehlabathi.

funda isahluko epheleleyo Uisaya 37