Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 37:23-32 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

23. Ngubani na lo umngcikivileyo, umnyelisileyo? Ngubani na lo ùmphakamisele ilizwi lakho, ukude uwaphakamisele amehlo akho phezulu nje? NgoyiNgcwele wakwaSirayeli.

24. Ùyingcikivile iNkosi ngabakhonzi bakho, wathi, Ngobuninzi beenqwelo zam zokulwa ndiqabele mna ezintlomeni zeentaba, emathambekeni eLebhanon; ndiyigawúle imisedare* yayo emide kakhulu nemisipres* yayo enyuliweyo; ndifiké kweyokuphela indawo yayo ephezulu, ehlathini lentsimi yayo echumayo.

25. Ndimbé, ndasela amanzi mna; ndiya kuyomisa ngentende yeenyawo zam yonke imijelo yoMnayile oseYiputa.

26. Akuvanga na? Kwakude ndakwenza oku, kwangemihla yamandulo ndakubumba; ndikufikisile, kwenzeka ngoku ukuba uyikhahlele phantsi imizi enqatyisiweyo, ibe yingxakangxaka yemiwewe.

27. Abemi bayo bánqumka izandla, baqhiphuka umbilini, badana, baba ngumfuno wasendle, nohlaza, utyani obuphezu kwendlu, nentsimi yengqolowa engekabi mvila.

28. Ke ukuhlala kwakho, nokuphuma kwakho, nokungena kwakho, ndiyakwazi, nokuguguma kwakho ngam.

29. Ngenxa yokuguguma kwakho ngam, nangenxa yokutyesha kwakho okunyuke kweza ezindlebeni zam, ndiya kufaka ikhonkco lam empumlweni yakho, nomkhala wam emlonyeni wakho, ndikubuyise ngendlela oweza ngayo.

30. Ke kaloku nguwo lo umqondiso kuwe: lo mnyaka kodliwa ummilela, ngomnyaka wesibini kodliwa isihlabane; ngomnyaka wesithathu nohlwayela nivune, nityale izidiliya, nidle iziqhamo zazo.

31. Abasindileyo bendlu yakwaYuda, abo baseleyo, baya kubuya bendelisele iingcambu phantsi, benze iziqhamo phezulu.

32. Ngokuba kuya kuphuma eYerusalem abaseleyo nabasindileyo entabeni yeZiyon. Ubukhwele bukaYehova wemikhosi buya kukwenza oko.

funda isahluko epheleleyo Uisaya 37