Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 37:1-6 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Kwathi, akukuva oku ukumkani uHezekiya, wazikrazula iingubo zakhe wazigquma ngezirhwexayo, wangena endlwini kaYehova.

2. Wathuma uEliyakim umphathi wendlu, noShebhena umbhali, namadoda amakhulu ababingeleli, bezigqume ngezirhwexayo, kuIsaya umprofeti, unyana ka-Amotsi.

3. Bathi kuye, Utsho uHezekiya ukuthi, Le mini yimini yembandezelo neyokohlwaya neyogibo; ngokuba abantwana bazé kufika emlonyeni wesizalo, tu ke amandla okuzala.

4. Mhlawumbi uYehova uThixo wakho angaweva amazwi kaRabheshake, othunyiweyo ngukumkani waseAsiriya inkosi yakhe, ukungcikiva uThixo ophilileyo; amohlwaye ngenxa yamazwi lawo awavileyo uYehova uThixo wakho; wena uphakámise umthandazo ngenxa yamasalela asekhoyo.

5. Baya ke abakhonzi bokumkani uHezekiya kuIsaya.

6. Wathi uIsaya kubo, Nothi kwinkosi yenu, Utsho uYehova ukuthi, Musa ukoyikiswa ngamazwi owavileyo, abandinyelise ngawo abafana bakwakumkani waseAsiriya.

funda isahluko epheleleyo Uisaya 37