Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 36:9-16 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

9. Wòthini na ukubujika ubuso benkosana enye, yakubo abancinane babakhonzi benkosi yam, ukholòse ngeYiputa, ngeenqwelo zokulwa nangabamahashe?

10. Ngokunje ndinyuké ndeza kulonakalisa eli lizwe, ndingenaye uYehova, yini na? UYehova uthe kum, Nyuka uye kweli lizwe, ulonakalise.

11. Bathi ooEliyakim noShebhena noYowa kuRabheshake, Khawuthethe kubakhonzi bakho ngesiAram, kuba sisiva sona; musa ukuthetha kuthi ngesiYuda ezindlebeni zabantu abaseludongeni.

12. Wathi uRabheshake, Inkosi yam indithumé ukuba ndiwathethe la mazwi enkosini yakho nakuwe, yini na? Àsikula madoda ahleli eludongeni yini na, ukuze adle ilindle lawo, asele umchamo wawo nani?

13. Wema uRabheshake, wadanduluka ngezwi elikhulu ngesiYuda, wathi, Waveni amazwi okumkani omkhulu, okumkani waseAsiriya.

14. Uthi ukumkani, Makanganilukuhli uHezekiya, ngokuba akayi kuba nako ukunihlangula.

15. Makanganikholosisi ngoYehova uHezekiya, esithi, Inene, uya kusihlangula uYehova; lo mzi awusayi kunikelwa esandleni sokumkani waseAsiriya.

16. Musani ukumphulaphula uHezekiya, ngokuba utsho ukumkani waseAsiriya ukuthi, Xolisanani nam, niphume nize kum, nidle elowo umdiliya wakhe, elowo umkhiwane wakhe, nisele elowo amanzi equla lakhe;

funda isahluko epheleleyo Uisaya 36