Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 36:8-14 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

8. Khawubekelane kaloku nenkosi yam, ukumkani waseAsiriya; ndokunika amawaka amabini amahashe, ukuba unako ngecala lakho ukukhupha abakhweli bokukhwela kuwo.

9. Wòthini na ukubujika ubuso benkosana enye, yakubo abancinane babakhonzi benkosi yam, ukholòse ngeYiputa, ngeenqwelo zokulwa nangabamahashe?

10. Ngokunje ndinyuké ndeza kulonakalisa eli lizwe, ndingenaye uYehova, yini na? UYehova uthe kum, Nyuka uye kweli lizwe, ulonakalise.

11. Bathi ooEliyakim noShebhena noYowa kuRabheshake, Khawuthethe kubakhonzi bakho ngesiAram, kuba sisiva sona; musa ukuthetha kuthi ngesiYuda ezindlebeni zabantu abaseludongeni.

12. Wathi uRabheshake, Inkosi yam indithumé ukuba ndiwathethe la mazwi enkosini yakho nakuwe, yini na? Àsikula madoda ahleli eludongeni yini na, ukuze adle ilindle lawo, asele umchamo wawo nani?

13. Wema uRabheshake, wadanduluka ngezwi elikhulu ngesiYuda, wathi, Waveni amazwi okumkani omkhulu, okumkani waseAsiriya.

14. Uthi ukumkani, Makanganilukuhli uHezekiya, ngokuba akayi kuba nako ukunihlangula.

funda isahluko epheleleyo Uisaya 36