Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 36:19-22 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

19. Baphi na oothixo baseHamati neArpadi? baphi na oothixo baseSefarvayim, ukuba bangàbi balihlangule elakwaSamari esandleni sam?

20. Nguwuphi na koothixo bonke bala mazwe olihlanguleyo ilizwe lakhe esandleni sam, ukuba ade uYehova ayihlangule iYerusalem esandleni sam?

21. Bathi tu, àbamphendula nazwi; ngokuba umthetho wokumkani wona ubusithi, Nize ningamphenduli.

22. Weza ke uEliyakim unyana kaHilekiya, umphathi wendlu, noShebhena umbhali, noYowa unyana ka-Asafu, umkhumbuzi wezinto zakomkhulu, kuHezekiya, bezikrazule iingubo zabo, bamxelela amazwi kaRabheshake.

funda isahluko epheleleyo Uisaya 36