Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 36:12-22 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

12. Wathi uRabheshake, Inkosi yam indithumé ukuba ndiwathethe la mazwi enkosini yakho nakuwe, yini na? Àsikula madoda ahleli eludongeni yini na, ukuze adle ilindle lawo, asele umchamo wawo nani?

13. Wema uRabheshake, wadanduluka ngezwi elikhulu ngesiYuda, wathi, Waveni amazwi okumkani omkhulu, okumkani waseAsiriya.

14. Uthi ukumkani, Makanganilukuhli uHezekiya, ngokuba akayi kuba nako ukunihlangula.

15. Makanganikholosisi ngoYehova uHezekiya, esithi, Inene, uya kusihlangula uYehova; lo mzi awusayi kunikelwa esandleni sokumkani waseAsiriya.

16. Musani ukumphulaphula uHezekiya, ngokuba utsho ukumkani waseAsiriya ukuthi, Xolisanani nam, niphume nize kum, nidle elowo umdiliya wakhe, elowo umkhiwane wakhe, nisele elowo amanzi equla lakhe;

17. ndide ndize ndinise ezweni elinjengelizwe lenu, ilizwe lengqolowa newayini entsha, ilizwe lesonka nezidiliya.

18. Ize nilumke hleze aninyange uHezekiya, esithi, UYehova uya kusihlangula. Oothixo beentlanga balihlangule na elowo ilizwe lakhe esandleni sokumkani waseAsiriya?

19. Baphi na oothixo baseHamati neArpadi? baphi na oothixo baseSefarvayim, ukuba bangàbi balihlangule elakwaSamari esandleni sam?

20. Nguwuphi na koothixo bonke bala mazwe olihlanguleyo ilizwe lakhe esandleni sam, ukuba ade uYehova ayihlangule iYerusalem esandleni sam?

21. Bathi tu, àbamphendula nazwi; ngokuba umthetho wokumkani wona ubusithi, Nize ningamphenduli.

22. Weza ke uEliyakim unyana kaHilekiya, umphathi wendlu, noShebhena umbhali, noYowa unyana ka-Asafu, umkhumbuzi wezinto zakomkhulu, kuHezekiya, bezikrazule iingubo zabo, bamxelela amazwi kaRabheshake.

funda isahluko epheleleyo Uisaya 36