Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 35:8-10 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

8. Kuya kubakho umendo khona, kubekho indlela, kuthiwe ukubizwa kwayo, yindlela engcwele le. Akuyi kudlula nto iyinqambi ngayo; yeyabo yona: abahamba loo ndlela — nabazizihula àbayi kulahleka kuyo.

9. Akuyi kubakho ngonyama khona, aliyi kuqabela khona irhamncwa eliqwengayo; aliyi kufunyanwa khona; kuya kuhamba khona abakhululwé ngokuhlawulelwa;

10. abakhululwa bakaYehova babuye beze eZiyon bememelela; benovuyo olungunaphakade phezu kweentloko zabo; baya kufumana imihlali nemivuyo, sisabe isingqala nosizi.

funda isahluko epheleleyo Uisaya 35