Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 33:9-22 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

9. Ilizwe lenza isijwili, lintshwenyile; ineentloni iLebhanon, ishwabene; iSharon isuke yaba njengenkqantosi; ivuthulula amagqabi iBhashan neKarmele.

10. Kungokunje ndiya kusuka ndime, utsho uYehova; kungokunje ndiya kuphakama; kungokunje ndiya kuzinyusa.

11. Niya kumitha isikhotha, nizale iindiza; ukufutha kwenu ngumlilo oya kunidla.

12. Izizwe zoba yimitshiso yekalika, zoba yimithi enameva ehlahliweyo, ibaswe umlilo.

13. Yivani, nina bakude, endikwenzileyo: nibazi ubugorha bam, nina basondeleyo.

14. Bayankwantya eZiyon aboni, abaziintshembenxa babanjwe kukuthuthumela; bathi, Ngubani na ke kuthi onokuphambukela emlilweni odlayo? ngubani na ke kuthi onokuphambukela emalangatyeni angunaphakade?

15. Ohamba ngobulungisa, othetha okuthe tye, ocekisa inzuzo yokucudisa, ovuthulula isandla sakhe singaphathi sicengo, ovingca iindlebe zakhe zingevi ngegazi, ocima amehlo akhe angakhangeli entweni embi:

16. nguye oya kuhlala ezindaweni eziphezulu. Iimboniselo zeengxondorha yingxonde yakhe; isonka sakhe usinikiwe, amanzi akhe ahleli ekho.

17. Amehlo akho aya kumkhangela ukumkani ebuhleni bakhe; aya kulibona ilizwe elisingise kude.

18. Intliziyo yakho iya kucamanga ngesothuso, ithi, Uphi na umbali? uphi na umlinganiseli? uphi na umbali weenqaba ezinde?

19. Abantu abaziingwanyalala akuyi kubabona: abantu abantetho inzulu, ingavakaliyo, abalulwimi luthintithayo lungenakuqondeka.

20. Khangela iZiyon, umzi wemithendeleko yethu. Amehlo akho aya kuyibona iYerusalem, isithili esinokonwaba, iyintente engàfuduswayo, ezikhonkwane zingàncothulwayo naphakade, ezintambo zonke zingàqhawukiyo.

21. Ewe, ngenxa yethu ikhona ingangamsha uYehova; yindawo enemilambo, enemijelo ebanzi ngeenxa zombini; akuyi kuhamba sinqanawa sibheqwayo apho, kungaweli khona nqanawa iyingangamsha.

22. Kuba umgwebi wethu nguYehova, ummisimthetho wethu nguYehova, ukumkani wethu nguYehova; uya kusisindisa yena.

funda isahluko epheleleyo Uisaya 33