Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 33:6-11 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

6. Kuya kubakho ukuzimaseka kwamaxesha akho, nobutyebi bosindiso, nobulumko, nokwazi; ukoyika uYehova bubuncwane bakhe.

7. Yabona, iinjengele zabo ziyakhala ngaphandle; abathunywa boxolo balila ngokukrakra.

8. Iindlela azihanjwa; umhambi uphelile; úwaphule umnqophiso, ucekise imizi, àkakhathalela mntu.

9. Ilizwe lenza isijwili, lintshwenyile; ineentloni iLebhanon, ishwabene; iSharon isuke yaba njengenkqantosi; ivuthulula amagqabi iBhashan neKarmele.

10. Kungokunje ndiya kusuka ndime, utsho uYehova; kungokunje ndiya kuphakama; kungokunje ndiya kuzinyusa.

11. Niya kumitha isikhotha, nizale iindiza; ukufutha kwenu ngumlilo oya kunidla.

funda isahluko epheleleyo Uisaya 33