20. Khangela iZiyon, umzi wemithendeleko yethu. Amehlo akho aya kuyibona iYerusalem, isithili esinokonwaba, iyintente engàfuduswayo, ezikhonkwane zingàncothulwayo naphakade, ezintambo zonke zingàqhawukiyo.
21. Ewe, ngenxa yethu ikhona ingangamsha uYehova; yindawo enemilambo, enemijelo ebanzi ngeenxa zombini; akuyi kuhamba sinqanawa sibheqwayo apho, kungaweli khona nqanawa iyingangamsha.
22. Kuba umgwebi wethu nguYehova, ummisimthetho wethu nguYehova, ukumkani wethu nguYehova; uya kusisindisa yena.
23. Zityeketyeke iintambo zakho, àzilubambi useko lwemasti* yazo, aziyitwabululi iseyile;* kuya kwandula kwabiwe amaxhoba amaninzi athinjiweyo, neziqhwala ziphange okuphangiweyo.
24. Akayi kuthi ummi wakhona, Ndiyafa; abantu abahleliyo khona babuxolelwe ubugwenxa babo.