Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 33:2-15 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

2. Yehova, sibabale, sithembéle kuwe; yiba yingalo yabo imisó ngemisó; yiba lusindiso kuthi ngexesha lembandezelo.

3. Ziyaphalaphaliswa izizwe lilizwi lengxokolo, ziyaphangalaliswa iintlanga kukuphakama kwakho.

4. Ohlanganiswa emke amaxhoba enu njengokuhlanganisa kweenkumbi ezinqunquthayo, bawaququzelele njengokuququzela komqikela.

5. UYehova uphakamile, ngokuba ehleli phezulu; uyizalisile iZiyon ngokusesikweni nangobulungisa.

6. Kuya kubakho ukuzimaseka kwamaxesha akho, nobutyebi bosindiso, nobulumko, nokwazi; ukoyika uYehova bubuncwane bakhe.

7. Yabona, iinjengele zabo ziyakhala ngaphandle; abathunywa boxolo balila ngokukrakra.

8. Iindlela azihanjwa; umhambi uphelile; úwaphule umnqophiso, ucekise imizi, àkakhathalela mntu.

9. Ilizwe lenza isijwili, lintshwenyile; ineentloni iLebhanon, ishwabene; iSharon isuke yaba njengenkqantosi; ivuthulula amagqabi iBhashan neKarmele.

10. Kungokunje ndiya kusuka ndime, utsho uYehova; kungokunje ndiya kuphakama; kungokunje ndiya kuzinyusa.

11. Niya kumitha isikhotha, nizale iindiza; ukufutha kwenu ngumlilo oya kunidla.

12. Izizwe zoba yimitshiso yekalika, zoba yimithi enameva ehlahliweyo, ibaswe umlilo.

13. Yivani, nina bakude, endikwenzileyo: nibazi ubugorha bam, nina basondeleyo.

14. Bayankwantya eZiyon aboni, abaziintshembenxa babanjwe kukuthuthumela; bathi, Ngubani na ke kuthi onokuphambukela emlilweni odlayo? ngubani na ke kuthi onokuphambukela emalangatyeni angunaphakade?

15. Ohamba ngobulungisa, othetha okuthe tye, ocekisa inzuzo yokucudisa, ovuthulula isandla sakhe singaphathi sicengo, ovingca iindlebe zakhe zingevi ngegazi, ocima amehlo akhe angakhangeli entweni embi:

funda isahluko epheleleyo Uisaya 33