Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 33:1-10 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Yeha ke, mbhuqi, wena ke ungabhuqwanga; nginingini, wena ke ungatshinizelwanga! Wakugqiba ukubhuqa, uya kubhuqwa; wakukufeza ukunginiza, uya kunginizelwa.

2. Yehova, sibabale, sithembéle kuwe; yiba yingalo yabo imisó ngemisó; yiba lusindiso kuthi ngexesha lembandezelo.

3. Ziyaphalaphaliswa izizwe lilizwi lengxokolo, ziyaphangalaliswa iintlanga kukuphakama kwakho.

4. Ohlanganiswa emke amaxhoba enu njengokuhlanganisa kweenkumbi ezinqunquthayo, bawaququzelele njengokuququzela komqikela.

5. UYehova uphakamile, ngokuba ehleli phezulu; uyizalisile iZiyon ngokusesikweni nangobulungisa.

6. Kuya kubakho ukuzimaseka kwamaxesha akho, nobutyebi bosindiso, nobulumko, nokwazi; ukoyika uYehova bubuncwane bakhe.

7. Yabona, iinjengele zabo ziyakhala ngaphandle; abathunywa boxolo balila ngokukrakra.

8. Iindlela azihanjwa; umhambi uphelile; úwaphule umnqophiso, ucekise imizi, àkakhathalela mntu.

9. Ilizwe lenza isijwili, lintshwenyile; ineentloni iLebhanon, ishwabene; iSharon isuke yaba njengenkqantosi; ivuthulula amagqabi iBhashan neKarmele.

10. Kungokunje ndiya kusuka ndime, utsho uYehova; kungokunje ndiya kuphakama; kungokunje ndiya kuzinyusa.

funda isahluko epheleleyo Uisaya 33