Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 31:1-6 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Yeha, abehla baye eYiputa ukuba bancedwe, abayama ngamahashe, abakholosa ngeenqwelo zokulwa, kuba zininzi, nangabamahashe, kuba beqiné kunene; abangamnoneleli oyiNgcwele kaSirayeli, abangamquqeliyo uYehova!

2. Ulumkile ke naye; uya kuzisa ububi, angawabeki nxamnye amazwi akhe; uya kusukela phezulu kwindlu yabenzi bobubi, nakuncedo lwabasebenza ubutshinga.

3. AmaYiputa angabantu, àkaThixo; amahashe awo ayinyama, àkamoya; ukuba uYehova angásolula isandla sakhe, wokhubeka umncedi, awe umncedwa, baphele kunye bonke.

4. Ngokuba uYehova utshilo kum ukuthi, Njengokuba ingonyama, nengonyama entsha, isuka igqume phezu kwento eyibambileyo, yakubizelwa ihlokondiba labalusi, ingaloyiki ilizwi labo, ingayilahli ngokuxokozela kwabo: kwangokunjalo uya kuhla uYehova wemikhosi, ukuba ayikhuphele umkhosi intaba yeZiyon nenduli yayo.

5. Njengeentaka zindanda, uya kwenjenjalo uYehova wemikhosi ukuyikhusela iYerusalem, eyikhusela, eyihlangula, eyiconga, eyisiza.

6. Buyelani kulowo nimkileyo kuye ngokunzulu, nyana bakaSirayeli.

funda isahluko epheleleyo Uisaya 31