Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 30:2-18 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

2. abahamba bahle baye eYiputa, bengabuzanga emlonyeni wam, basabele egwibeni likaFaro, bazímele ngomthunzi weYiputa!

3. Ngoko ke liya kuthi igwiba likaFaro libe lidano kuni, nokuzímela ngomthunzi weYiputa kube lihlazo.

4. Ngokuba abathetheli babo báseTsohan, nabathunywa babo bafike eHanes.

5. Bonke baya kudana ngabantu abangàbanyusiyo, abangengabokunceda, nabangengabokunyusa; abangábokudanisa, abangabokuhlazisa kananjalo.

6. Isihlabo esisingisele kwimvubu yelasezantsi.Ezweni leembandezelo nengcutheko, lengonyamakazi nengonyama, lephimpi, lenyushu enobuhlungu ephaphazelayo, babethwele ubutyebi babo ngemihlana yamankonyana amaesile, nobuncwane babo ngamalunda eenkamela, besiya kubantu abangenakubanyusa.

7. AmaYiputa ke aya kunceda ngokungekwanto nangokulambathayo; ngako oko ndithe ngawo ángabagwagwisayo, behleli phantsi bethe tu.

8. Yiya ngoku, ukrole oko elucwecweni únabo, ukubhale encwadini, kube yinto yemihla ezayo, yanini, yaphakade.

9. Ngokuba ngabantu abaneenkani, ngoonyana abaxokayo, ngoonyana abangàvumiyo ukusiva isiyalo sikaYehova;

10. abathi kwiimboni, Ze ningàboni; nakwiinkangeli, Ze ningasikhangeleli izinto ezithe gca; sithetheleni izinto ezigudileyo;

11. khangelani izinto eziyinkohliso; tyekani endleleni, yithini gu bucala emendweni; menzeni aphele ebusweni bethu oyiNgcwele kaSirayeli.

12. Ngako oko utsho oyiNgcwele kaSirayeli ukuthi, Ngokokuba nilicekisile elo lizwi, nakholosa ngokucudisa nangobugwenxa, nayama khona:

13. ngako oko, obo bugwenxa kuni buya kuba njengendawo ekrazukileyo, ewayo, ezimkayo eludongeni olude, ekuqhekeka kwayo kuza ngesiquphe nangephanyazo;

14. úya kuyiqhekeza njengokuqhekeka komphanda wombumbi, wakuqotywa ungayekwa, kungafumaneki ekuqotyweni kwawo negophe lokuthabatha umlilo eziko, nelokukha amanzi equleni.

15. Ngokuba itsho iNkosi, uYehova oyiNgwcele kaSirayeli, ukuthi, Beniya kusindiswa kukubuya nakukuphumla; ebengabakhoyo amandla enu ngokuzola nangokukholosa; nasuka ànavuma.

16. Ke nathi, Hayi, sìya kubaleka ngamahashe; niya kubaleka kambe. Nathi, Siya kukhwela kwiimbaleki; ngenxa yoko baya kuba namendu abanisukelayo.

17. Niya kubaleka niliwaka, ekhalime emnye; bekhalime bebahlanu, nibaleke nide sinale njengomtshanyane encotsheni yentaba, nanjengebhanile* endulini.

18. Ngako oko uYehova uya kukha alinde, ukuze anibabale; ngako oko uya kukha akhwelele phezulu, ukuze abe nemfesane kuni; ngokuba nguThixo wogwebo uYehova; hayi, uyolo lwabo bonke abalindele kuye!

funda isahluko epheleleyo Uisaya 30