Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 30:19-30 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

19. Ngokuba abantu aba baya kuhlala eZiyon, eYerusalem; aniyi kuba sabuya nilile; uya kunibabala ngenene ekuvakaleni kokukhala kwenu; ákukuva, uya kusabela.

20. INkosi iya kuninika isonka sobandezelweyo namanzi oxiniweyo, bangabi sazímela abayali bakho, amehlo akho esababona abayali bakho;

21. iindlebe zakho zive ilizwi ngasemva kwakho, lisithi, Nantsi indlela; hambani ngayo, nokuba nisinga ekunene, nokuba nisinga ekhohlo.

22. Nowénza inqambi umaleko wemifanekiso yenu eqingqiweyo yesilivere, nesingxobo semifanekiso yenu etyhidiweyo yegolide; niya kuyichithachitha njengesishuba; ùya kuthi kuyo, Khwelela umke apha.

23. INkosi yoyinika imvula imbewu yakho, owuhlwayela ngayo umhlaba; nesonka songeniselo lomhlaba sityebe, sibe namafutha; imfuyo yakho iya kudla ngaloo mini emadlelweni abanzi.

24. Iinkomo namaesile amatsha asebenza umhlaba, aya kudla umtywakaniselo onetyuwa, oweliweyo ngomnyazi nefolokhwe yokwela.

25. Phezu kweentaba zonke ezinde naphezu kweenduli zonke eziphakamileyo yoba yimijelo, yimisinga yamanzi, ngemini yembulalo enkulu, ekuweni kweenqaba ezinde.

26. Ukukhanya kwenyanga kuya kuba njengokukhanya kwelanga, nokukhanya kwelanga kube kasixhenxe njengokukhanya kweemini ezisixhenxe, ngemini yokubopha kukaYehova ukwaphuka kwabantu bakhe, apholise ukuphalusa kokubetha kwakhe.

27. Yabona, igama likaYehova liyeza, livela kude, uvutha umsindo wakhe, kuthe shinyi umsi; umlomo wakhe ulephuza amagwebu, ulwimi lwakhe lunjengomlilo otshisayo.

28. Ukufutha kwakhe kunjengomlambo okhukulayo, obetha emqaleni, ukuze azihluze iintlanga ngentluzo yokuziphanzisa, umkhala olahlekisayo ube semihlathini yezizwe.

29. Niya kuba nengoma enjengeyobusuku bokungcwaliswa komthendeleko, novuyo lwentliziyo lube njengabahamba bebetha ugwali, ukuya entabeni kaYehova, eliweni likaSirayeli.

30. Úya kulivakalisa uYehova izwi lakhe elinendili, akubonakalise ukuhla kwengalo yakhe kunokujala ngumsindo, nokulenya komlilo otshisayo, nokuphalazeka kwelifu, nesiphango, namatye esichotho.

funda isahluko epheleleyo Uisaya 30