Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 30:15-24 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

15. Ngokuba itsho iNkosi, uYehova oyiNgwcele kaSirayeli, ukuthi, Beniya kusindiswa kukubuya nakukuphumla; ebengabakhoyo amandla enu ngokuzola nangokukholosa; nasuka ànavuma.

16. Ke nathi, Hayi, sìya kubaleka ngamahashe; niya kubaleka kambe. Nathi, Siya kukhwela kwiimbaleki; ngenxa yoko baya kuba namendu abanisukelayo.

17. Niya kubaleka niliwaka, ekhalime emnye; bekhalime bebahlanu, nibaleke nide sinale njengomtshanyane encotsheni yentaba, nanjengebhanile* endulini.

18. Ngako oko uYehova uya kukha alinde, ukuze anibabale; ngako oko uya kukha akhwelele phezulu, ukuze abe nemfesane kuni; ngokuba nguThixo wogwebo uYehova; hayi, uyolo lwabo bonke abalindele kuye!

19. Ngokuba abantu aba baya kuhlala eZiyon, eYerusalem; aniyi kuba sabuya nilile; uya kunibabala ngenene ekuvakaleni kokukhala kwenu; ákukuva, uya kusabela.

20. INkosi iya kuninika isonka sobandezelweyo namanzi oxiniweyo, bangabi sazímela abayali bakho, amehlo akho esababona abayali bakho;

21. iindlebe zakho zive ilizwi ngasemva kwakho, lisithi, Nantsi indlela; hambani ngayo, nokuba nisinga ekunene, nokuba nisinga ekhohlo.

22. Nowénza inqambi umaleko wemifanekiso yenu eqingqiweyo yesilivere, nesingxobo semifanekiso yenu etyhidiweyo yegolide; niya kuyichithachitha njengesishuba; ùya kuthi kuyo, Khwelela umke apha.

23. INkosi yoyinika imvula imbewu yakho, owuhlwayela ngayo umhlaba; nesonka songeniselo lomhlaba sityebe, sibe namafutha; imfuyo yakho iya kudla ngaloo mini emadlelweni abanzi.

24. Iinkomo namaesile amatsha asebenza umhlaba, aya kudla umtywakaniselo onetyuwa, oweliweyo ngomnyazi nefolokhwe yokwela.

funda isahluko epheleleyo Uisaya 30