Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 30:1-9 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Yeha ke, abantwana abaziinjubaqa, utsho uYehova; abenza iqhinga elingaphumi kum, bathelelane ngothelelwano kungengaMoya wam, ukuze bongeze isono kwisono;

2. abahamba bahle baye eYiputa, bengabuzanga emlonyeni wam, basabele egwibeni likaFaro, bazímele ngomthunzi weYiputa!

3. Ngoko ke liya kuthi igwiba likaFaro libe lidano kuni, nokuzímela ngomthunzi weYiputa kube lihlazo.

4. Ngokuba abathetheli babo báseTsohan, nabathunywa babo bafike eHanes.

5. Bonke baya kudana ngabantu abangàbanyusiyo, abangengabokunceda, nabangengabokunyusa; abangábokudanisa, abangabokuhlazisa kananjalo.

6. Isihlabo esisingisele kwimvubu yelasezantsi.Ezweni leembandezelo nengcutheko, lengonyamakazi nengonyama, lephimpi, lenyushu enobuhlungu ephaphazelayo, babethwele ubutyebi babo ngemihlana yamankonyana amaesile, nobuncwane babo ngamalunda eenkamela, besiya kubantu abangenakubanyusa.

7. AmaYiputa ke aya kunceda ngokungekwanto nangokulambathayo; ngako oko ndithe ngawo ángabagwagwisayo, behleli phantsi bethe tu.

8. Yiya ngoku, ukrole oko elucwecweni únabo, ukubhale encwadini, kube yinto yemihla ezayo, yanini, yaphakade.

9. Ngokuba ngabantu abaneenkani, ngoonyana abaxokayo, ngoonyana abangàvumiyo ukusiva isiyalo sikaYehova;

funda isahluko epheleleyo Uisaya 30