Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 3:8-19 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

8. Ngokuba ikhahlelekile iYerusalem, awile amaYuda; ngokuba iilwimi zabo neentlondi zabo zichase uYehova, ukuba bawaphikise amehlo obuqaqawuli bakhe.

9. Imbonakalo yobuso babo iyangqina ngabo, bayazixela izono zabo njengeSodom, àbakhanyeli. Yeha umphefumlo wabo, ngokuba beziphethe kakubi kwabona!

10. Yithi kumalungisa, kuya kulunga kuwo; ngokuba isiqhamo sezenzo zawo aya kusidla.

11. Yeha ongendawo! Kuya kuba kubi kuye; ngokuba ukuphatha kwezandla zakhe kuya kwenziwa kuye.

12. Abantu bam bakhandaniswa ngabantwana, balawulwa ngabafazi. Bantu bam, abakhokeli benu ngabandwendwisi, bayigqukile indlela yomendo wenu.

13. Úsukile wema uYehova ukuba athethe ityala; umi ukuba agwebe ebantwini.

14. UYehova uya kungena ematyaleni namadoda amakhulu abantu bakhe, nabathetheli babo; esithi, Ke nina nisigqibile isidiliya; okuphangwe kusizana kusezindlwini zenu.

15. Ninani na, ukuba nibatyumze nje abantu bam, nibusìle ubuso beentsizana? itsho iNkosi, uYehova wemikhosi.

16. Kananjalo uthi ke uYehova, Ngenxa enokuba zizidla iintombi zaseZiyon, zihamba zolule iintamo, zitshawula ngamehlo, zihamba zicothoza ukuhamba kwazo, zisenza isigampe esisezinyaweni zazo:

17. ngako oko iNkosi yolujadula ukakayi lweentombi zaseZiyon, uYehova azihlube ubunkazana bazo.

18. Ngaloo mini iNkosi yozisusa izihombo zemixokelelwane, nesangqawe, nentsimbi yomqala,

19. namajikazi, neewatsha, nezigqubuthelo,

funda isahluko epheleleyo Uisaya 3