Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 3:6-15 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

6. Xa umntu aya kuthi abambelele kumzalwana wakhe endlwini kayise, athi, Unengubo wena, masiphathwe nguwe, oku kukhahleleka kube sesandleni sakho:

7. wóphimisela ngaloo mini athi, Andingebi mphilisi, endlwini yam kungekho sonka, kungekho ngubo; aninakundenza umphathi wabantu.

8. Ngokuba ikhahlelekile iYerusalem, awile amaYuda; ngokuba iilwimi zabo neentlondi zabo zichase uYehova, ukuba bawaphikise amehlo obuqaqawuli bakhe.

9. Imbonakalo yobuso babo iyangqina ngabo, bayazixela izono zabo njengeSodom, àbakhanyeli. Yeha umphefumlo wabo, ngokuba beziphethe kakubi kwabona!

10. Yithi kumalungisa, kuya kulunga kuwo; ngokuba isiqhamo sezenzo zawo aya kusidla.

11. Yeha ongendawo! Kuya kuba kubi kuye; ngokuba ukuphatha kwezandla zakhe kuya kwenziwa kuye.

12. Abantu bam bakhandaniswa ngabantwana, balawulwa ngabafazi. Bantu bam, abakhokeli benu ngabandwendwisi, bayigqukile indlela yomendo wenu.

13. Úsukile wema uYehova ukuba athethe ityala; umi ukuba agwebe ebantwini.

14. UYehova uya kungena ematyaleni namadoda amakhulu abantu bakhe, nabathetheli babo; esithi, Ke nina nisigqibile isidiliya; okuphangwe kusizana kusezindlwini zenu.

15. Ninani na, ukuba nibatyumze nje abantu bam, nibusìle ubuso beentsizana? itsho iNkosi, uYehova wemikhosi.

funda isahluko epheleleyo Uisaya 3