Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 3:10-23 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

10. Yithi kumalungisa, kuya kulunga kuwo; ngokuba isiqhamo sezenzo zawo aya kusidla.

11. Yeha ongendawo! Kuya kuba kubi kuye; ngokuba ukuphatha kwezandla zakhe kuya kwenziwa kuye.

12. Abantu bam bakhandaniswa ngabantwana, balawulwa ngabafazi. Bantu bam, abakhokeli benu ngabandwendwisi, bayigqukile indlela yomendo wenu.

13. Úsukile wema uYehova ukuba athethe ityala; umi ukuba agwebe ebantwini.

14. UYehova uya kungena ematyaleni namadoda amakhulu abantu bakhe, nabathetheli babo; esithi, Ke nina nisigqibile isidiliya; okuphangwe kusizana kusezindlwini zenu.

15. Ninani na, ukuba nibatyumze nje abantu bam, nibusìle ubuso beentsizana? itsho iNkosi, uYehova wemikhosi.

16. Kananjalo uthi ke uYehova, Ngenxa enokuba zizidla iintombi zaseZiyon, zihamba zolule iintamo, zitshawula ngamehlo, zihamba zicothoza ukuhamba kwazo, zisenza isigampe esisezinyaweni zazo:

17. ngako oko iNkosi yolujadula ukakayi lweentombi zaseZiyon, uYehova azihlube ubunkazana bazo.

18. Ngaloo mini iNkosi yozisusa izihombo zemixokelelwane, nesangqawe, nentsimbi yomqala,

19. namajikazi, neewatsha, nezigqubuthelo,

20. neembasa, neenxaxhazo, neenqwemesha, namahlala okujoja, namakhubalo,

21. nemisesane, namakhonkco empumlo,

22. nezambatho ezinqabileyo, neengubo zokwaleka ezingaphezulu, neetyali, neengxowa zemali,

23. nezipili, neeqhiya zelinen entle, neenkontsho, neengubo zokwaleka ezikrelekrele.

funda isahluko epheleleyo Uisaya 3