Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 3:1-9 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ngokuba ùyabona, iNkosi, uYehova wemikhosi, isusa eYerusalem nakwaYuda isixhaso nenkxaso, sonke isixhaso sesonka kwanesixhaso samanzi:

2. igorha nendoda yokulwa, umgwebi nomprofeti, umvumisi nendoda enkulu,

3. umthetheli wamashumi amahlanu, nobekekileyo, nomphakathi, nesilumko esinobungcibi, nengqondi yokukhwitsa.

4. Ndobanika abathetheli abangabantwana, nabafekethi babalawule;

5. bakhandanisane abantu ulowo nalowo, ulowo nalowa. Baya kusunduzana umntwana nendoda enkulu, ubuvuvu nabazukileyo.

6. Xa umntu aya kuthi abambelele kumzalwana wakhe endlwini kayise, athi, Unengubo wena, masiphathwe nguwe, oku kukhahleleka kube sesandleni sakho:

7. wóphimisela ngaloo mini athi, Andingebi mphilisi, endlwini yam kungekho sonka, kungekho ngubo; aninakundenza umphathi wabantu.

8. Ngokuba ikhahlelekile iYerusalem, awile amaYuda; ngokuba iilwimi zabo neentlondi zabo zichase uYehova, ukuba bawaphikise amehlo obuqaqawuli bakhe.

9. Imbonakalo yobuso babo iyangqina ngabo, bayazixela izono zabo njengeSodom, àbakhanyeli. Yeha umphefumlo wabo, ngokuba beziphethe kakubi kwabona!

funda isahluko epheleleyo Uisaya 3