Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 29:15-24 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

15. Yeha ke abangxokayo, besithelisa iqhinga labo kuYehova, zibe semnyameni izenzo zabo; bathi, Ngubani na osibonayo? ngubani na osaziyo?

16. Hayi, ukuphenduka kwenu! Kuya kuthiwa umbumbi unjengodongwe na? into eyenziweyo ithi na kumenzi wayo, Akandenzanga? into ebunjiweyo ithi na kumbumbi wayo, Akaqondi?

17. Awusemncinane na umzuzwana, ukuze iLebhanon ibuye ibe yintsimi echumayo, intsimi echumayo kuthiwe lihlathi?

18. Kuya kuthi ngaloo mini izithulu ziweve amazwi encwadi, amehlo eemfama abone esithokothokweni nasemnyameni.

19. Abalulamileyo baya kukwandisa ukuvuya ngoYehova, abangamahlwempu eluntwini bagcobe ngoyiNgcwele kaSirayeli;

20. ngokuba esusiwe umngcangcazelisi, ephelile umgxeki, benqunyulwe bonke abaphaphela ubutshinga;

21. abamenza umoni umntu ngenxa yelizwi eli, bamthiyele owohlwayayo esangweni, balisunduze ilungisa ngochuku.

22. Ngako oko utsho uYehova kwindlu kaYakobi, lowo wamkhululayo uAbraham, ukuthi, Ngoku uYakobi akayi kudana, ngoku ubuso bakhe abuyi kuba luthuthu.

23. Ngokuba ekuboneni kwakhe, ekuboneni kwabantwana bakhe, isenzo sezandla zam phakathi kwabo, baya kulingcwalisa igama lam, bamngcwalise oyiNgcwele kaYakobi, bangcangcazele phambi koThixo kaSirayeli.

24. Baya kukwazi ukuqonda abamoya undwendwayo, bayamkele imfundo abakrokrayo.

funda isahluko epheleleyo Uisaya 29