Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 28:23-29 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

23. Libekeleni indlebe nilive ilizwi lam; yibazeleni indlebe niyive intetho yam.

24. Umlimi ulima iimini ezi zonke na, ukuba ahlwayele? anqike aqwakanise umhlaba wakhe na?

25. Àkathi na, akuba ebulungelelanisile ubuso bawo, asasaze idile,* agcwayele ikumin,* akrozise ingqolowa, nerhasi endaweni ephawuliweyo, nespelete* ngasemdeni wayo?

26. Ùmqeqeshile ngokwesiko uThixo wakhe, wamyala.

27. Kuba idile ayisizilwa ngempahla yokusizila, ayiqengqelwa ngevili yenqwelo ikumin; itsinwa ngoswazi idile, nekumin ngentonga.

28. Ingqolowa ikhe ityunyuzwe na? Hayi, akahlali eyisizila, agoqozise ivili yenqwelo yakhe namahashe akhe phezu kwayo; akayityumzi.

29. Nale nto iphuma kuYehova wemikhosi; omacebo angummangaliso, obulumko butshatsheleyo.

funda isahluko epheleleyo Uisaya 28