Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 28:19-26 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

19. Oku kungenela singenelayo, síya kunisusa; ngokuba imisó ngemisó siya kuningenela, imini nobusuku; kuthi ukuqonda udaba kube kukuhlasimla kodwa.

20. Inene, umandlalo mfutshane, akukho kunaba; nesigubungelo sincinane, ukuba azisongele kuso.

21. Ngokuba úya kusuk' eme uYehova, njengasentabeni yePeratsim; uya kuguguma, njengasentilini yeGibheyon; ukuba enze isenzo sakhe, isenzo sakhe esisodwa, ukuba asebenze umsebenzi wakhe, umsebenzi wakhe ongaqhelekileyo.

22. Kaloku ke musani ukugxeka, hleze kuqiniselwe ukubotshelelwa kwenu; ngokokuba isiphelo esiya kulifikela ilizwe lonke sisesimisiweyo ke sagqitywa; ndisivile eNkosini, uYehova wemikhosi.

23. Libekeleni indlebe nilive ilizwi lam; yibazeleni indlebe niyive intetho yam.

24. Umlimi ulima iimini ezi zonke na, ukuba ahlwayele? anqike aqwakanise umhlaba wakhe na?

25. Àkathi na, akuba ebulungelelanisile ubuso bawo, asasaze idile,* agcwayele ikumin,* akrozise ingqolowa, nerhasi endaweni ephawuliweyo, nespelete* ngasemdeni wayo?

26. Ùmqeqeshile ngokwesiko uThixo wakhe, wamyala.

funda isahluko epheleleyo Uisaya 28