Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 28:15-22 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

15. Ngokuba nisithi, Sinqophiséne nokufa, sivumelene nelabafileyo; isibetho esingumkhukula, xa singenelayo, asiyi kufika kuthi, kuba amanga siwenzé ihlathi lethu, sasithela ngobuxoki.

16. Ngako oko itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yabona, ndiseké eZiyon ilitye, ilitye locikido, ilitye elinqabileyo lembombo, loseko olusekiweyo. Okholiweyo akayi kungxama.

17. Isiko ndolenza intambo yokulinganisa, ubulungisa ndibenze ilothe yokulungelelanisa; isichotho siya kumka nalo ihlathi lamanga, amanzi ayikhukulise indawo yokusithela.

18. Kuya kucinywa ukunqophisana kwenu nokufa, kungemi ukuvumelana kwenu nelabafileyo; isibetho esingumkhukula, xa singenelayo, sonenza nibe yinto egqushiweyo.

19. Oku kungenela singenelayo, síya kunisusa; ngokuba imisó ngemisó siya kuningenela, imini nobusuku; kuthi ukuqonda udaba kube kukuhlasimla kodwa.

20. Inene, umandlalo mfutshane, akukho kunaba; nesigubungelo sincinane, ukuba azisongele kuso.

21. Ngokuba úya kusuk' eme uYehova, njengasentabeni yePeratsim; uya kuguguma, njengasentilini yeGibheyon; ukuba enze isenzo sakhe, isenzo sakhe esisodwa, ukuba asebenze umsebenzi wakhe, umsebenzi wakhe ongaqhelekileyo.

22. Kaloku ke musani ukugxeka, hleze kuqiniselwe ukubotshelelwa kwenu; ngokokuba isiphelo esiya kulifikela ilizwe lonke sisesimisiweyo ke sagqitywa; ndisivile eNkosini, uYehova wemikhosi.

funda isahluko epheleleyo Uisaya 28