Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 28:1-11 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Yeha ke, isithsaba sekratshi samanxila akwaEfrayim, nentyantyambo ebunayo yamakhazikhazi esihombo sakhe, esemantloko omfula ochumayo wababuleweyo yiwayini!

2. Yabona, iNkosi inento eyomeleleyo, ekhaliphileyo, njengesiphango sesichotho, isaqhwithi esibhubhisayo; njengesiphango esimanzi anamandla akhukulayo, iya kunqumela emhlabeni ngesandla.

3. Síya kunyashwa ngeenyawo isithsaba sekratshi samanxila akwaEfrayim.

4. Intyantyambo ebunayo yamakhazikhazi esihombo sakhe, esemantloko omfula ochumayo, yoba njengekhiwane elilikhikhizela, kungekabi sehlotyeni; athi olibonileyo alibone, aliginye esaliphethe ngesandla.

5. Ngaloo mini uYehova wemikhosi uya kuba sisithsaba esimakhazikhazi, nesangqawe sokuhomba kumasalela abantu bakhe;

6. abe ngumoya wesiko kwabahleli esihlalweni sokugweba, nobugorha kwababuyisela imfazwe esangweni.

7. Kwanaba ke bayotywé yiwayini, bayahexa sisiselo esinxilisayo; umbingeleli nomprofeti bayotywé sisiselo esinxilisayo, baginywé yiwayini, bayahexa sisiselo esinxilisayo; bayotyiwe bebona imibono, bayagexa begweba ityala.

8. Kuba zonke izithebe zizele ngumhlanzo oyintshontsho; akukho ndawo ingenawo.

9. Bathi, Úya kuyala bani na ukuba azi? aqondise bani na udaba? Abalunyulweyo emasini? abancothulweyo ebeleni?

10. Kuba umthetho uza phezu komthetho, umthetho phezu komthetho; ummiselo phezu kommiselo, ummiselo phezu kommiselo; intwana apha, intwana phaya.

11. Inene, úya kuthetha ngentetho ethintithayo nangalulwimi lumbi kwaba bantu;

funda isahluko epheleleyo Uisaya 28