Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 26:3-14 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

3. Intliziyo ezimasekileyo ùyayilondoloza, ixole ixolile; ngokuba ikholose ngawe.

4. Kholosani ngoYehova ngonaphakade; kuba uYa, uYehova, uliliwa elingunaphakade.

5. Ngokuba uthulele phantsi abahleli phezulu; umzi oyingxonde uwugungxule wawugungxulela emhlabeni, wawufikisa eluthulini.

6. Ziyawunyasha iinyawo, iinyawo zeentsizana, amanyathelo ezisweli.

7. Umendo wamalungisa ulungelelene; wena uyawulinganisela umkhondo wamalungisa, ulungelelane.

8. Kakade, Yehova, sìbe sikulindile, ukuba uze emendweni wemigwebo yakho; umnqweno womphefumlo wethu wasinga egameni lakho, nasekukukhumbuleni.

9. Nangomphefumlo wam ndakúnqwenela ebusuku; inene, ngomoya wam phakathi kwam ndakúfuna kwakusasa; ngokuba xenikweni imigwebo yakho ibhekiswe ehlabathini, baya kufunda ubulungisa abemi belimiweyo.

10. Nokuba úthe wababalwa ongendawo, akafundi bulungisa; nasezweni labathe gca uyagqwetha; akabuboni ubungangamsha bukaYehova.

11. Yehova, síbe siphakamile isandla sakho, àbabona; ke baya kulibona ikhwele lakho ngenxa yabantu, badane; ewe, umlilo mawubadle ababandezeli bakho.

12. Yehova, ùya kusimisela uxolo; ngokuba nezenzo zethu zonke usisebenzele.

13. Yehova Thixo wethu, iinkosi ezingenguwe bezinobukhosi phezu kwethu; kodwa sikhankanya igama lakho ngawe wedwa.

14. Abafileyo abo abasayi kuba saphila; abangasekhoyo abo abasayi kuba savuka; ngoko ke ubavelele wabatshabalalisa, wakwenza kwadaka konke ukukhunjulwa kwabo.

funda isahluko epheleleyo Uisaya 26