Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 25:4-10 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

4. Ngokuba waba ligwiba kwisisweli, igwiba kwihlwempu ekubandezelweni kwalo, ihlathi esiphangweni, umthunzi lakubalela, xa ukufutha kwabangcangcazelisayo kwaba njengesiphango eludongeni.

5. Njengokubalela emqwebedwini, udambisé ingxolo yabasemzini; njengokudanjiswa kokubalela lithunzi lelifu, yathotywa ngokunjalo ingoma yabangcangcazelisayo.

6. UYehova wemikhosi uya kuzenzela zonke izizwe isidlo sezinto ezityebileyo kule ntaba, isidlo sewayini egcinwe ngeentsipho, sezinto ezityebileyo ezinomongo, sewayini egcinwe ngeentsipho, yaza yahluzwa;

7. aginye kule ntaba umphambili wesigqubuthelo esizigqubutheleyo izizwe zonke, nesigubungelo esizigubungeleyo zonke iintlanga.

8. Iya kuginya ukufa kuphele, izisule iNkosi uYehova iinyembezi ebusweni bonke, ingcikivo yabantu bayo iyisuse ehlabathini lonke, kuba uYehova ethethile.

9. Kuya kuthiwa ngaloo mini, Yabona, lo nguThixo wethu; besithembele kuye, ukuba asisindise; nguYehova lo besithembele kuye; masigcobe, sivuye ngosindiso lwakhe.

10. Ngokuba isandla sikaYehova siya kuhlala phezu kwale ntaba, anyathelwe amaMowabhi endaweni yawo, njengokunyathelwa komququ emanzini omgquba.

funda isahluko epheleleyo Uisaya 25