Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 24:1-9 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Yabona uYehova ulithi qongqololo ihlabathi, ulenza amagqagala, uyabuphethula ubuso balo, uyabachithachitha abemi balo;

2. kube mfani-nye abantu nababingeleli, kube mfani-nye ikhoboka nenkosi yalo, kube mfani-nye ikhobokazana nenkosikazi yalo, kube mfani-nye othengayo nothengisayo, kube mfani-nye obolekayo nobolekwayo,

3. kube mfani-nye umnikimali nomamkelimali. Ihlabathi lithiwé qongqololo ngakunye, liphangwé liphangiwe; kuba uYehova elithethile elo lizwi.

4. Ihlabathi lenza isijwili, libunile; lintshwenyile, libunile elimiweyo; bathe matshamatsha abaphakamileyo ebantwini behlabathi.

5. Ihlabathi lihlanjelwe ngaphantsi kwabemi balo; ngokokuba beyigqithile imiyalelo, badlula emimiselweni, bawaphula umnqophiso ongunaphakade.

6. Ngenxa yoko lidliwe ihlabathi kukuqalekiswa, bathwele ityala abemiyo kulo; ngenxa yoko baphanzile abemi behlabathi, kwasala abantu abambalwa.

7. Iwayini entsha yenza isijwili, untshwenyile umdiliya, bayancwina bonke abantliziyo inemivuyo.

8. Iphelile imihlali yengqongqo; iyekile ingxokozelo yabadlamkileyo; iphelile imihlali yohadi.

9. Abayi kusela wayini benengoma; sikrakra isiselo esinxilisayo kwabasiselayo.

funda isahluko epheleleyo Uisaya 24