Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 23:9-18 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

9. Icetywé nguYehova wemikhosi, ukuba angcolise ubungangamsha bamakhazikhazi onke, ukuba acukuceze bonke abazukileyo behlabathi.

10. Canda kulo ilizwe lakowenu njengoMnayile, ntombi inguTarshishe; akusekho luqhwemesha lukuxinileyo.

11. Isandla sakhe usoluléle phezu kolwandle, ugungqisé izikumkani. UYehova uwise umthetho ngelakwaKanan wokutshabalalisa iinqaba zalo.

12. Wathi, Akuyi kuba sabuya udlamke, nkazana idlwengulweyo, ntombi inguTsidon. Suk' ume, welela kumaKiti; nalapho akuyi kuba nakuphumla.

13. Yabona, ilizwe lamaKaledi, ngabantu ababengekho; ama-Asiriya ábamisela ukuba babe ngabomqwebedu; bamisa iimboniselo zabo, bezinqika iingxande zalo ezinde, bezenza umwewe.

14. Bhombolozani, zinqanawa zaseTarshishe, ngokuba ibhuqiwe inqaba yenu.

15. Kuya kuthi ngaloo mini, ilityalwe iTire iminyaka engamashumi asixhenxe, njengemihla yokumkani omnye. Ekupheleni kweminyaka engamashumi asixhenxe kuya kwenzeka kwiTire ngokwengoma yehenyukazi, ethi,

16. Thabatha uhadi uwujikajike umzi, henyukazi lilityelweyo; betha kamnandi; vuma iingoma ezininzi, ukuze ukhunjulwe.

17. Kuya kuthi ekupheleni kweminyaka emashumi asixhenxe, ayivelele iTire uYehova, ibuyele elutsheqweni lwayo, ihenyuzane nezikumkani zonke zehlabathi eziphezu komhlaba;

18. lube ngcwele kuYehova urhwebo lwayo notsheqo lwayo; aluyi kubekwa, aluyi kuqwetywa; kuba urhwebo lwayo luya kuba lolwabahleli phambi koYehova, ukuze badle bahluthe, nokuze bambathe ngokobunene.

funda isahluko epheleleyo Uisaya 23