Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 23:2-15 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

2. Yithini cwaka, bemi bonxweme; wena uzaliswe ngabarhwebi baseTsidon, abawela ulwandle.

3. Yayisemanzini amakhulu imbewu yaseSihore, ukuvuna koMnayile kwaba lungeniselo kuyo; yaba yindawo yokurhweba kweentlanga.

4. Dana, Tsidon; kuba luthethile ulwandle, inqaba yolwandle, lwathi, Andizibhijabhijanga, andizalanga, andikhulisanga mlisela, andondlanga mthinjana.

5. Lothi lwakuthi ukuthi ukufika olu daba eYiputa, basuke bazibhijabhije ngodaba olungeTire.

6. Welelani niye eTarshishe; bhombolozani, bemi bonxwene.

7. Kunje na kuwe, wena mvuyeleli, ukuvela kwakho kukho kwasemihleni yamandulo, iinyawo zakho zakusa kude, ukuba uye kuthi vu?

8. Ngubani na lo ucebe le nto ngeTire, ngomzi othwesa ngezithsaba, obarhwebi bawo bangabathetheli, obathengeli bawo bangabazukileyo behlabathi?

9. Icetywé nguYehova wemikhosi, ukuba angcolise ubungangamsha bamakhazikhazi onke, ukuba acukuceze bonke abazukileyo behlabathi.

10. Canda kulo ilizwe lakowenu njengoMnayile, ntombi inguTarshishe; akusekho luqhwemesha lukuxinileyo.

11. Isandla sakhe usoluléle phezu kolwandle, ugungqisé izikumkani. UYehova uwise umthetho ngelakwaKanan wokutshabalalisa iinqaba zalo.

12. Wathi, Akuyi kuba sabuya udlamke, nkazana idlwengulweyo, ntombi inguTsidon. Suk' ume, welela kumaKiti; nalapho akuyi kuba nakuphumla.

13. Yabona, ilizwe lamaKaledi, ngabantu ababengekho; ama-Asiriya ábamisela ukuba babe ngabomqwebedu; bamisa iimboniselo zabo, bezinqika iingxande zalo ezinde, bezenza umwewe.

14. Bhombolozani, zinqanawa zaseTarshishe, ngokuba ibhuqiwe inqaba yenu.

15. Kuya kuthi ngaloo mini, ilityalwe iTire iminyaka engamashumi asixhenxe, njengemihla yokumkani omnye. Ekupheleni kweminyaka engamashumi asixhenxe kuya kwenzeka kwiTire ngokwengoma yehenyukazi, ethi,

funda isahluko epheleleyo Uisaya 23