Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 22:1-12 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Isihlabo esisingisele kumfula wombono.Ùkholose ngantoni na kaloku, le nto unyukileyo waya phezu kwezindlu wonke uphela?

2. Wena uzeleyo kukungxola, wena mzi uxokozelayo, wena nqaba ivuyelelayo; ababuleweyo bakho ababulawanga likrele, abafanga yimfazwe.

3. Bonke abaphathi bakho babaleka kunye, bakhonkxwe kungabangakho saphetha; bonke abáfunyanwa kuwe bákhonkxwa kunye ekubalekeleni kwabo kude.

4. Ngenxa yoko ndathi, Susani amehlo kum, ndikwenze kube krakra ukulila kwam; musani ukundizama ngokundithuthuzela ngenxa yokubhuqwa kwentombi yabantu bakowethu.

5. Ngokuba ifikelwe ngumhla wokudungwadungwa, wokugqushwa, wokuqungwaqungwa, okuvela kwiNkosi uYehova wemikhosi, emfuleni wombono; umhla wokuwiselwa phantsi iindonga, wokuzibika ezintabeni.

6. AmaElam aqubulé umphongolo, eneenqwelo zokulwa ezinamadoda nabamahashe; amaKiri ahlubé iingweletshetshe.

7. Zathi ke iintili zakho ezintle zazala ziinqwelo zokulwa, bathi abamahashe bamisa bemisile esangweni.

8. Wasibhenqa isigqubuthelo sakwaYuda; waza wena ngaloo mini wabheka esikrweqeni sendlu yehlathi.

9. Nazibona iintanda zomzi kaDavide ukuba ninzi, nahlanganisa amanzi echibi lasezantsi;

10. izindlu zaseYerusalem nazibala; nazidiliza izindlu, ukuze ninqabise udonga.

11. Nenza isigingqi samanzi echibi elidala phakathi kweendonga zombini, ànakhangela kumenzi wale nto, anambeka owayibumbayo kwakudala.

12. INkosi, uYehova wemikhosi, ngaloo mini yabizela ekulileni, nasekumbambazeleni, nasekuchebeni intloko, nasekubhinqeni iingubo ezirhwexayo;

funda isahluko epheleleyo Uisaya 22