1. Isihlabo esisingisele kumfula wombono.Ùkholose ngantoni na kaloku, le nto unyukileyo waya phezu kwezindlu wonke uphela?
2. Wena uzeleyo kukungxola, wena mzi uxokozelayo, wena nqaba ivuyelelayo; ababuleweyo bakho ababulawanga likrele, abafanga yimfazwe.
3. Bonke abaphathi bakho babaleka kunye, bakhonkxwe kungabangakho saphetha; bonke abáfunyanwa kuwe bákhonkxwa kunye ekubalekeleni kwabo kude.
4. Ngenxa yoko ndathi, Susani amehlo kum, ndikwenze kube krakra ukulila kwam; musani ukundizama ngokundithuthuzela ngenxa yokubhuqwa kwentombi yabantu bakowethu.
5. Ngokuba ifikelwe ngumhla wokudungwadungwa, wokugqushwa, wokuqungwaqungwa, okuvela kwiNkosi uYehova wemikhosi, emfuleni wombono; umhla wokuwiselwa phantsi iindonga, wokuzibika ezintabeni.
6. AmaElam aqubulé umphongolo, eneenqwelo zokulwa ezinamadoda nabamahashe; amaKiri ahlubé iingweletshetshe.
7. Zathi ke iintili zakho ezintle zazala ziinqwelo zokulwa, bathi abamahashe bamisa bemisile esangweni.
8. Wasibhenqa isigqubuthelo sakwaYuda; waza wena ngaloo mini wabheka esikrweqeni sendlu yehlathi.
9. Nazibona iintanda zomzi kaDavide ukuba ninzi, nahlanganisa amanzi echibi lasezantsi;
10. izindlu zaseYerusalem nazibala; nazidiliza izindlu, ukuze ninqabise udonga.
11. Nenza isigingqi samanzi echibi elidala phakathi kweendonga zombini, ànakhangela kumenzi wale nto, anambeka owayibumbayo kwakudala.