Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 21:8-17 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

8. Wadanduluka ngelengonyama, esithi, Nkosi, kususela koko ndimi emboniselweni emini, ndizimisile esigxineni sam ubusuku ngobusuku.

9. Ke, yabona, kweza umkhoko wamadoda, abamahashe bengababini. Wasusela wathi, Iwile, iwile iBhabheli; yonke imifanekiso eqingqiweyo yoothixo bayo uyaphulele emhlabeni.

10. Wena, nto yam ibhuliweyo, ngqolowa yesandá sam, endikuvileyo kuYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ndikuxelile kuni.

11. Isihlabo esisingisele kothe cwaka.Omemeza kum ekwelakwaSehire, uthi, Mlindi, kuxa liphi na ebusuku? mlindi, kuxa liphi na ebusuku?

12. Uthi umlindi, Kuyeza ukusa, kwanobusuku. Ukuba niyabuza, buzani; buyani, yizani.

13. Isihlabo esisingisele kwelaseArabhi.KwelaseArabhi niya kulalisa emxawukeni, nina mikhoko yamaDedan.

14. Baziseleni amanzi abanxaniweyo; nina, bemi bakwaTema, nibakhawùlele ngesonka abaphalaphalayo.

15. Ngokuba baphalaphaliswa ngamakrele, amakrele athiwe kruthu, nasisaphetha esityhidiweyo, nayimfazwe enzima.

16. Ngokuba iNkosi itshilo kum ukuthi, Kwakulo mnyaka, njengeminyaka yomqeshwa, buya kuphela ubuqaqawuli bonke bakwaKedare;

17. abe mbalwa amasalela enani lezaphetha zamagorha, oonyana bakaKedare; ngokuba uYehova uThixo kaSirayeli uthethile.

funda isahluko epheleleyo Uisaya 21