Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 21:11-17 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

11. Isihlabo esisingisele kothe cwaka.Omemeza kum ekwelakwaSehire, uthi, Mlindi, kuxa liphi na ebusuku? mlindi, kuxa liphi na ebusuku?

12. Uthi umlindi, Kuyeza ukusa, kwanobusuku. Ukuba niyabuza, buzani; buyani, yizani.

13. Isihlabo esisingisele kwelaseArabhi.KwelaseArabhi niya kulalisa emxawukeni, nina mikhoko yamaDedan.

14. Baziseleni amanzi abanxaniweyo; nina, bemi bakwaTema, nibakhawùlele ngesonka abaphalaphalayo.

15. Ngokuba baphalaphaliswa ngamakrele, amakrele athiwe kruthu, nasisaphetha esityhidiweyo, nayimfazwe enzima.

16. Ngokuba iNkosi itshilo kum ukuthi, Kwakulo mnyaka, njengeminyaka yomqeshwa, buya kuphela ubuqaqawuli bonke bakwaKedare;

17. abe mbalwa amasalela enani lezaphetha zamagorha, oonyana bakaKedare; ngokuba uYehova uThixo kaSirayeli uthethile.

funda isahluko epheleleyo Uisaya 21