Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 21:1-14 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Isihlabo esisingisele kwintlango yaselwandle.Njengezaqhwithi zasezantsi zikhukula, kuphuma into entlango, ezweni eloyikekayo.

2. Ndiboniswe umbono olukhuni: inginingini linginiza, umbhuqi ebhuqa. Nyuka, Elam; ngqinga, Madayi; ukuncwina kwabo konke ndiya kuphelisa.

3. Ngenxa yoko azele amanqe am kukuzibhijabhija, inimba indifikele njengenimba yozalayo; ndiyapenapena, andiva; ndikhwankqile, andiboni.

4. Intliziyo yam iyadinga, ukududuzela kundidandathekisile; ungcwalazi, into endiyilangazelelayo, ulwenzé into endigubhisayo.

5. Kulungiswa isithebe, kuboniselwa umboniselo, kuyadliwa, kuyaselwa — vukani, bathetheli, thambisani iingweletshetshe.

6. Ngokuba itsho kum iNkosi, ukuthi, Yiya umise umboniseli, athi akubona into aze kuyixela.

7. Wabona umkhoko wabakhweli, abamahashe bengababini, nabakhweli bamaesile, nabakhweli beenkamela; wabaza iindlebe, wazibaza kakhulu kunene.

8. Wadanduluka ngelengonyama, esithi, Nkosi, kususela koko ndimi emboniselweni emini, ndizimisile esigxineni sam ubusuku ngobusuku.

9. Ke, yabona, kweza umkhoko wamadoda, abamahashe bengababini. Wasusela wathi, Iwile, iwile iBhabheli; yonke imifanekiso eqingqiweyo yoothixo bayo uyaphulele emhlabeni.

10. Wena, nto yam ibhuliweyo, ngqolowa yesandá sam, endikuvileyo kuYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ndikuxelile kuni.

11. Isihlabo esisingisele kothe cwaka.Omemeza kum ekwelakwaSehire, uthi, Mlindi, kuxa liphi na ebusuku? mlindi, kuxa liphi na ebusuku?

12. Uthi umlindi, Kuyeza ukusa, kwanobusuku. Ukuba niyabuza, buzani; buyani, yizani.

13. Isihlabo esisingisele kwelaseArabhi.KwelaseArabhi niya kulalisa emxawukeni, nina mikhoko yamaDedan.

14. Baziseleni amanzi abanxaniweyo; nina, bemi bakwaTema, nibakhawùlele ngesonka abaphalaphalayo.

funda isahluko epheleleyo Uisaya 21