Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 20:4-6 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

4. úya kwenjenjalo ukumkani waseAsiriya ukubaqhuba abathinjiweyo baseYiputa, nabafudusiweyo bakwaKushi, abantwana namadoda amakhulu, bezé, bengenambadada, behamba ngeempundu, into leyo eziintloni kwiYiputa.

5. Baya kuqhiphuka umbilini badane nguKushi, inqolonci yabo, nayiYiputa, iqhayiya labo;

6. bathi ke abemi bolo nxweme ngaloo mini, Yabonani, inje inqolonci yethu, esasabela kuyo ukuba sincedwe, sihlangulwe kukumkani waseAsiriya; singáthini na ke ukusínda thina?

funda isahluko epheleleyo Uisaya 20