Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 2:4-17 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

4. Úya kugweba phakathi kweentlanga, ohlwaye izizwe ezininzi; ziwakhande amakrele azo abe ngamakhuba, nezikhali zazo zibe zizitshetshe zeediliya; uhlanga lungaphakamiseli uhlanga ikrele, nezizwe zingaphindi zifunde ukulwa.

5. Ndlu kaYakobi, yizani, sihambe ekukhanyeni kukaYehova.

6. Kuba ùbalahlile abantu bakho, indlu kaYakobi; ngokuba bezele zizinto zasempumalanga, bengamatola njengamaFilisti, bebambene ngezandla nabantwana bezinye iintlanga.

7. Ilizwe labo lizele yisilivere negolide; abunakuphela ubuncwane babo. Ilizwe labo lizele ngamahashe; azinakuphela iinqwelo zabo zokulwa.

8. Ilizwe labo lizele zizithixo ezingení; baqubuda kumsebenzi wezandla zabo, kwinto eyenziwe yiminwe yabo.

9. Ophantsi uyagoba, nendoda ephakamileyo ithotyelwe phantsi, ungabaxoleli ke.

10. Ngena eweni, uziselele eluthulini, ngenxa yokoyika uYehova, nangenxa yozuko lobungangamsha bakhe.

11. Amehlo aqwayingileyo esintu othotywa, noqhankqalazo lwamadoda lusibekeke; nguYehova yedwa owoba yingxonde ngaloo mini.

12. Kuba uYehova wemikhosi unemini eyozongamela izinto zonke ezinekratshi, ezinoqhankqalazo; nezinto zonke ezizinyusileyo zithotywe nezinto zonke ezisinyusileyo zithotywe ke.

13-14. Wóyongamela imisedare* yonke yaseLebhanon, emide, ezinyusileyo, nezonke ezinde, neenduli zonke ezizinyusileyo;

15. neenqaba zonke eziphakamileyo, neendonga zonke ezinqatyisiweyo;

16. neenqanawa zonke zaseTarshishe, nezinto zonke ezibonakala zinqweneleka.

17. Kosibekeka ukuzidla kwaba baphantsi, kuthotywe ukuqhankqalaza kwamadoda aphakamileyo. NguYehova yedwa owoba yingxonde ngaloo mini;

funda isahluko epheleleyo Uisaya 2