Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 2:4-11 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

4. Úya kugweba phakathi kweentlanga, ohlwaye izizwe ezininzi; ziwakhande amakrele azo abe ngamakhuba, nezikhali zazo zibe zizitshetshe zeediliya; uhlanga lungaphakamiseli uhlanga ikrele, nezizwe zingaphindi zifunde ukulwa.

5. Ndlu kaYakobi, yizani, sihambe ekukhanyeni kukaYehova.

6. Kuba ùbalahlile abantu bakho, indlu kaYakobi; ngokuba bezele zizinto zasempumalanga, bengamatola njengamaFilisti, bebambene ngezandla nabantwana bezinye iintlanga.

7. Ilizwe labo lizele yisilivere negolide; abunakuphela ubuncwane babo. Ilizwe labo lizele ngamahashe; azinakuphela iinqwelo zabo zokulwa.

8. Ilizwe labo lizele zizithixo ezingení; baqubuda kumsebenzi wezandla zabo, kwinto eyenziwe yiminwe yabo.

9. Ophantsi uyagoba, nendoda ephakamileyo ithotyelwe phantsi, ungabaxoleli ke.

10. Ngena eweni, uziselele eluthulini, ngenxa yokoyika uYehova, nangenxa yozuko lobungangamsha bakhe.

11. Amehlo aqwayingileyo esintu othotywa, noqhankqalazo lwamadoda lusibekeke; nguYehova yedwa owoba yingxonde ngaloo mini.

funda isahluko epheleleyo Uisaya 2