Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 2:17-22 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

17. Kosibekeka ukuzidla kwaba baphantsi, kuthotywe ukuqhankqalaza kwamadoda aphakamileyo. NguYehova yedwa owoba yingxonde ngaloo mini;

18. izithixo ezingení zothi shwaka zonke ziphela.

19. Bongena emiqolombeni yamawa nasemingxunyeni yomhlaba ngenxa yokoyika uYehova, nangenxa yozuko lobungangamsha bakhe, ekuphakameni kwakhe ukuba angcangcazelise ilizwe.

20. Ngaloo mini umntu uya kuziphosa ezintukwini nasemalulwaneni izithixo zakhe ezingení zesilivere, nezithixo zakhe ezingení zegolide, abamenzeláyo ukuze aqubude kuzo;

21. ukuze angene ezimfanteni zamawa nasemiqhokrweni yeengxondorha, ngenxa yokoyika uYehova, nangenxa yozuko lobungangamsha bakhe, ekuphakameni kwakhe ukuba angcangcazelise ilizwe.

22. Khanimyeke umntu omphefumlo usemathatheni akhe; ngokuba kuthiwa, Úyintoni na?

funda isahluko epheleleyo Uisaya 2