Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 19:14-25 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

14. UYehova uthululele embilinini wayo umoya wobugwenxa, ukuba bayihlahlekise iYiputa ekwenzeni kwayo konke, njengokugxadazela kwenxila emhlanzweni walo.

15. IYiputa ayiyi kuba nasenzo isenzayo intloko kwanomsila, isebe lesundu nomzí womlambo,

16. Ngaloo mini amaYiputa aya kuba njengabafazi, agubhe, ankwantye phambi kokulingisa ngesandla kukaYehova wemikhosi, alingisa ngaso kuwo.

17. Umhlaba wakwaYuda woyixhalabisa iYiputa; athi othe wawukhankanya kuyo, ankwantye, ngenxa yecebo likaYehova wemikhosi, alicebileyo ngayo.

18. Ngaloo mini imizi emihlanu ezweni lamaYiputa iya kuthetha intetho yelakwaKanan, ifunge uYehova wemikhosi; omnye kuya kuthiwa yi-Ir-heres.*

19. Ngaloo mini kuya kubakho isibingelelo kuYehova phakathi kwelizwe lamaYiputa, nelitye elimisiweyo kuYehova ngasemdeni walo.

20. Oko koba ngumqondiso nobungqina kuYehova wemikhosi ezweni lamaYiputa; xa athe akhala kuYehova ngenxa yabaxinezeli bawo, wowathumela umsindisi nomthetheleli, awahlangule.

21. UYehova uya kuzazisa kumaYiputa, amazi uYehova amaYiputa ngaloo mini, amkhonze ngemibingelelo nangeminikelo yokudla; abhambathise ngezibhambathiso kuYehova, azizalise.

22. UYehova uya kuwabetha ke amaYiputa, ebetha ephilisa; abuyele kuYehova, yena athandazeke ngawo, awaphilise.

23. Ngaloo mini kuya kubakho umendo ophuma eYiputa, oya eAsiriya; eze ama-Asiriya eYiputa, amaYiputa aye eAsiriya, akhonze uYehova amaYiputa kunye nama-Asiriya.

24. Ngaloo mini amaSirayeli aya kuba sisahlulo sesithathu kumaYiputa nakuma-Asiriya, eyintsikelelo phakathi kwehlabathi;

25. ewasikelela uYehova wemikhosi, esithi, Nisikelelwe, maYiputa, bantu bam; ma-Asiriya, msèbenzi wezandla zam; maSirayeli, lifa lam.

funda isahluko epheleleyo Uisaya 19